YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 8

8
Oneqhenqa uyaphiliswa
(UMarko 1:40-45; uLuka 5:12-14)
1Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi.
2Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. 3Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe. 4Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo.
Ukuphiliswa kwesicaka somthetheli-khulu
(ULuka 7:1-10)
5Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza, 6esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo. 7Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna. 8Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. 9Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.
10Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. 11Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu. 12Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 13Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.
Umkhwekazi kaPetros nabanye abaninzi bayaphiliswa
(UMarko 1:29-34; uLuka 4:38-41)
14Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina. 15Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.
16Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa; 17ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.
(UIsaya 53:4)
Ukulandelwa kukaYesu
(ULuka 9:57-62)
18Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.
19Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. 20Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko. 21Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. 22Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.
Ukuzoliswa koqhwithela
(UMarko 4:35-41; uLuka 8:22-25)
23Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. 24Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. 25Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala! 26Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. 27Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?
Abaphethwe ziidemon baseGadara
(UMarko 5:1-20; uLuka 8:26-39)
28Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. 29Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uzé kusithuhumbisa na phambi kwelona xesha?
30Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. 31Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya. 32Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwéla elwandle; zatshabalala emanzini.
33Bathe ke abo babezalúsa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. 34Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.

Currently Selected:

UMATEYU 8: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in