YouVersion Logo
Search Icon

UAMOSI 7

7
Imibono yeenkumbi, yomlilo, neyelothe yokulungelelanisa
1Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca. 2Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wóthini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena. 3Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova.
4Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi. 5Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wóthini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena. 6Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova.
7Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa. 8UYehova wathi kum, Ùbona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo. 9Ziya kuchithwa izigánga zakwaIsake, zibe ngamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukèle phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele.
UAmatsiya umbingeleli utyhola uAmosi ngokwenza iyelenqe
10UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe. 11Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Úya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo. 12Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona; 13kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.
UAmosi uthethela ubizo lwakhe lobuprofeti
14Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Àndimprofeti, àndinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe. 15Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli. 16Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Ùthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake. 17Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufèle emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

Currently Selected:

UAMOSI 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in