YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE I 3

3
Imilibo yezizalwana
1Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele; 2owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesiné nguAdoniya unyana kaHagiti; 3owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe. 4Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.
5Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli; 6nguIbhehare, noElishama, noElifelete, 7noNoga, noNefege, noYafiya, 8noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba. 9Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.
10Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe; 11nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe; 12nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe; 13nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe; 14nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.
15Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesiné. 16Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe. 17Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, noMalekiram, 18noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya. 19Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo; 20noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu. 21Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya. 22Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu. 23Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu. 24Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in