Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli; Emveni kwaloo mihla, utsho uYehova, ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo; yena uya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Abayi kuba safundisana elowo umzalwana wakhe, esithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela komncinane kuse koyena mkhulu phakathi kwabo; ngokuba ndiya kubaxolela ubugwenxa babo ndingabi sasikhumbula isono sabo.