1
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:18
Contemporary Xhosa Bible 2024
Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; Lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
Compare
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:18
2
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:4
Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona, ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:4
3
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:19
Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:19
4
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:7
Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo; Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:7
5
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:8
Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo; ngokuba uThixo uluthando.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:8
6
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:10
Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:10
7
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:11
Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:11
8
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:9
Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:9
9
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:20
Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga?
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:20
10
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:15
Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:15
11
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:21
Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:21
12
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:1-2
Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:1-2
13
KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:3
Nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, enawuvayo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.
Explore KaYohane 1 KaYohane 1 – 4:3
Home
Bible
Plans
Videos