1
UMARKO 9:23
IBHAYIBHILE
Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”
Compare
Explore UMARKO 9:23
2
UMARKO 9:24
Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”
Explore UMARKO 9:24
3
UMARKO 9:28-29
UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?” Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
Explore UMARKO 9:28-29
4
UMARKO 9:50
Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”
Explore UMARKO 9:50
5
UMARKO 9:37
“Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.”
Explore UMARKO 9:37
6
UMARKO 9:41
Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.”
Explore UMARKO 9:41
7
UMARKO 9:42
“Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle.
Explore UMARKO 9:42
8
UMARKO 9:47
Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni
Explore UMARKO 9:47
Home
Bible
Plans
Videos