1
UYOHANE 19:30
IBHAYIBHILE
Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.” Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
Compare
Explore UYOHANE 19:30
2
UYOHANE 19:28
UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”
Explore UYOHANE 19:28
3
UYOHANE 19:26-27
UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.” Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.
Explore UYOHANE 19:26-27
4
UYOHANE 19:33-34
Kodwa akufika kuYesu, afumana ukuba selefile; akabi sayaphula ke eyakhe imilenze. Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.
Explore UYOHANE 19:33-34
5
UYOHANE 19:36-37
Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.” Kwakhona enye indawo yeziBhalo ithi: “Baya kujonga kulowo bamhlabileyo.”
Explore UYOHANE 19:36-37
6
UYOHANE 19:17
ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota.
Explore UYOHANE 19:17
7
UYOHANE 19:2
Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu
Explore UYOHANE 19:2
Home
Bible
Plans
Videos