1
UJEREMIYA 6:16
IBHAYIBHILE
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yimani eziphambukeni nikhangele, nibuzise ngomendo wamandulo, niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona, nihambe ngayo ke, ukuze nifumane inzolo emphefumlweni. Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’
Compare
Explore UJEREMIYA 6:16
2
UJEREMIYA 6:14
Amanxeba abantu bam banga bayawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe, akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga.
Explore UJEREMIYA 6:14
3
UJEREMIYA 6:19
Phulaphula, mhlaba, ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu. Sisiphumo samayelenqe abo, kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam – andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.
Explore UJEREMIYA 6:19
4
UJEREMIYA 6:10
Ndibhekise kubani? Ngubani owondiphulaphula, abamkele ubungqina bam? NingamaSirayeli alukileyo, ukanti iindlebe zenu zivalekile, aniva tu! Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso; abalikhathalele nganto.
Explore UJEREMIYA 6:10
Home
Bible
Plans
Videos