1
UJEREMIYA 25:5
IBHAYIBHILE
Abo bashumayeli babesithi: ‘Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nakwizenzo zakhe ezimdaka, khon' ukuze niwuhlale ngonaphakade kanaphakade lo mhlaba wanikwa nina nooyihlo-mkhulu nguNdikhoyo.’
Compare
Explore UJEREMIYA 25:5
2
UJEREMIYA 25:11-12
Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe. “Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.
Explore UJEREMIYA 25:11-12
3
UJEREMIYA 25:6
Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’
Explore UJEREMIYA 25:6
Home
Bible
Plans
Videos