Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini,
akholose ngamandla ento eyinyama negazi,
abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.
Loo mntu unjengetyholo lasentlango;
akanakuze abe nempumelelo.
Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu,
umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.