Utsho uThixo ophakamileyo,
uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
kanti ndiyahlala nasebantwini –
kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
ndibakhuthaze abo bazinikelayo.
Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu,
ndingayi kusoloko ndisilwa nabo,
hleze umntu atyhafe,
adane lowo ndimenzileyo.