Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo. Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu. Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.