1
AMAVA ENGQONDI 8:15
IBHAYIBHILE
Ngoko ke mna ndithi masonwabe, kuba ayikho enye into emfaneleyo umntu apha phantsi kwelanga ngaphandle kokuba atye asele azonwabele. Loo nto ke únokuyenza phakathi kwemizabalazo yakhe kobu bomi abuphiwe nguThixo kulo mhlaba.
Compare
Explore AMAVA ENGQONDI 8:15
2
AMAVA ENGQONDI 8:12
Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo.
Explore AMAVA ENGQONDI 8:12
3
AMAVA ENGQONDI 8:6
Kaloku yonke into inexesha layo nendlela emayenziwe ngayo; kambe buninzi ububi obunokumhlela umntu
Explore AMAVA ENGQONDI 8:6
4
AMAVA ENGQONDI 8:8
Umntu akanalo igunya phezu komoya ukuba awuthintele; akukho bani uyilawulayo imini yokufa kwakhe. Njengokuba kungekho ukuphuncula emfazweni, kananjalo inkohlakalo ayibayeki abo bayenzayo.
Explore AMAVA ENGQONDI 8:8
5
AMAVA ENGQONDI 8:11
Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
Explore AMAVA ENGQONDI 8:11
6
AMAVA ENGQONDI 8:14
Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge!
Explore AMAVA ENGQONDI 8:14
7
AMAVA ENGQONDI 8:7
akazi ukuba kuya kwenzeka ntoni. Kakade ngubani onokuxela okuya kubakho?
Explore AMAVA ENGQONDI 8:7
Home
Bible
Plans
Videos