1
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:1
IBHAYIBHILE
“Ke ukuba ulithobele ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.
Compare
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:1
2
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:2
Xa uthe walithobela ke walenza lizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, nâzi iintsikelelo owozixhamla
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:2
3
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:13
UNdikhoyo uya kukwenza ube yimbalasane phakathi kwezizwe, ungabi semxukuxeleni. Uya kuba soloko unenkqubela, ungaze uwe phantsi, ukuba uyithobele wayenza imiyalelo yakhe endikunika yona namhlanje.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:13
4
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:12
UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:12
5
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:7
“UNdikhoyo uya kukuvathisa ngoloyiso, nditsho noba sewuhlaselwa ziintshaba. Zothi noba sezivela kwicala elithile, wena uzibethe zithi saa macal' onke.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:7
6
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:8
“UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:8
7
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:6
“Wosikelelwa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:6
8
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:3
“Wosikelelwa ezidolophini nasemaphandleni.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:3
9
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:4
“Wosikelelwa, umfazi wakho azale, emasimini indyebo ibe ngako, yona imfuyo yande, kubekho amathole namatakane.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:4
10
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:9
“Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:9
11
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:5
“Wosikelelwa, ingobozi yakho iphuphume isivuno, isitya sakho sokuxovulela sihlale sinentlama.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:5
12
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:11
“Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:11
13
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:10
“Ziya kuthi ke izizwe zehlabathi, zakuqonda ukuba uNdikhoyo unenze abantu bakhe, zitsho zinihlonele.
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:10
14
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:14
Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:14
15
UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:15
“Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso
Explore UHLAZIYO-MNQOPHISO 28:15
Home
Bible
Plans
Videos