Ke kaloku uShedreki noMeshaki noAbhednigo baphendula ukumkani bathi: “Mhlekazi Nebhukadenezare, akukho mfuneko yokuba sizithethelele kulo mbandela. Sinaye uThixo wethu esimnqulayo. Unawo amandla okusihlangula kwelo ziko lidangazela umlilo, yaye uya kusisindisa esandleni sakho, kumkani. Kambe ke, noba akasihlangulanga, yazi mhlophe, mhlekazi, ukuba asiyi kubanqula oothixo bakho, futhi asiyi kuguqa sikhahlele kulo mfanekiso wegolide uwumisileyo.”