1
2 KWABASEKORINTE 7:10
IBHAYIBHILE
Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
Compare
Explore 2 KWABASEKORINTE 7:10
2
2 KWABASEKORINTE 7:1
Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.
Explore 2 KWABASEKORINTE 7:1
3
2 KWABASEKORINTE 7:9
Kodwa ndiyavuya ngoku – phofu ingekuko kuba ndanivisa ubuhlungu, koko ikukuba intlungu yenu yanibangela inguquko. Intlungu yenu ibe yinto esuke yasetyenziswa nguThixo; ngoko ke andinenzakalisanga.
Explore 2 KWABASEKORINTE 7:9
Home
Bible
Plans
Videos