1
1 KWABASEKORINTE 9:25-26
IBHAYIBHILE
Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo. Yiloo nto endenza ndithi ngqo, ndisukele ukuya kufika entanjeni. Ikwayiloo nto endenza ndifane nembethi-manqindi engachithi xesha ngokubetha umoya.
Compare
Explore 1 KWABASEKORINTE 9:25-26
2
1 KWABASEKORINTE 9:27
Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.
Explore 1 KWABASEKORINTE 9:27
3
1 KWABASEKORINTE 9:24
Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa.
Explore 1 KWABASEKORINTE 9:24
4
1 KWABASEKORINTE 9:22
Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.
Explore 1 KWABASEKORINTE 9:22
Home
Bible
Plans
Videos