1
ISITYHILELO 3:20
IZIBHALO EZINGCWELE
Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba úthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.
Compare
Explore ISITYHILELO 3:20
2
ISITYHILELO 3:15-16
Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
Explore ISITYHILELO 3:15-16
3
ISITYHILELO 3:19
Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.
Explore ISITYHILELO 3:19
4
ISITYHILELO 3:8
Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba ùthe, únamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
Explore ISITYHILELO 3:8
5
ISITYHILELO 3:21
Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisáyo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.
Explore ISITYHILELO 3:21
6
ISITYHILELO 3:17
Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba zé
Explore ISITYHILELO 3:17
7
ISITYHILELO 3:10
Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
Explore ISITYHILELO 3:10
8
ISITYHILELO 3:11
Yabona, ndiza kamsinya: kúbambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.
Explore ISITYHILELO 3:11
9
ISITYHILELO 3:2
Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.
Explore ISITYHILELO 3:2
Home
Bible
Plans
Videos