1
UMARKO 13:13
IZIBHALO EZINGCWELE
nithìywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.
Compare
Explore UMARKO 13:13
2
UMARKO 13:33
Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo
Explore UMARKO 13:33
3
UMARKO 13:11
Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.
Explore UMARKO 13:11
4
UMARKO 13:31
Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.
Explore UMARKO 13:31
5
UMARKO 13:32
Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, àzazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.
Explore UMARKO 13:32
6
UMARKO 13:7
Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho
Explore UMARKO 13:7
7
UMARKO 13:35-37
Lindani ngoko, ngokuba ningàkwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
Explore UMARKO 13:35-37
8
UMARKO 13:8
kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
Explore UMARKO 13:8
9
UMARKO 13:10
Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.
Explore UMARKO 13:10
10
UMARKO 13:6
kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu,• balahlekise into eninzi.
Explore UMARKO 13:6
11
UMARKO 13:9
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
Explore UMARKO 13:9
12
UMARKO 13:22
kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.
Explore UMARKO 13:22
13
UMARKO 13:24-25
Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo; zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe.
Explore UMARKO 13:24-25
Home
Bible
Plans
Videos