1
UYOSHUWA 10:13
IZIBHALO EZINGCWELE
Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela.
Compare
Explore UYOSHUWA 10:13
2
UYOSHUWA 10:12
Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
Explore UYOSHUWA 10:12
3
UYOSHUWA 10:14
Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli.
Explore UYOSHUWA 10:14
4
UYOSHUWA 10:8
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.
Explore UYOSHUWA 10:8
5
UYOSHUWA 10:25
Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo.
Explore UYOSHUWA 10:25
Home
Bible
Plans
Videos