1
EKAYAKOBI 3:17
IZIBHALO EZINGCWELE
Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozamé kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso.
Compare
Explore EKAYAKOBI 3:17
2
EKAYAKOBI 3:13
Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.
Explore EKAYAKOBI 3:13
3
EKAYAKOBI 3:18
Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.
Explore EKAYAKOBI 3:18
4
EKAYAKOBI 3:16
Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.
Explore EKAYAKOBI 3:16
5
EKAYAKOBI 3:9-10
Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. Kwakuló mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.
Explore EKAYAKOBI 3:9-10
6
EKAYAKOBI 3:6
Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo.
Explore EKAYAKOBI 3:6
7
EKAYAKOBI 3:8
ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.
Explore EKAYAKOBI 3:8
8
EKAYAKOBI 3:1
Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo.
Explore EKAYAKOBI 3:1
Home
Bible
Plans
Videos