1
UISAYA 49:15
IZIBHALO EZINGCWELE
Umfazi angàlulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna.
Compare
Explore UISAYA 49:15
2
UISAYA 49:16
Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.
Explore UISAYA 49:16
3
UISAYA 49:25
Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.
Explore UISAYA 49:25
4
UISAYA 49:6
uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.
Explore UISAYA 49:6
5
UISAYA 49:13
Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.
Explore UISAYA 49:13
Home
Bible
Plans
Videos