1
UHEZEKILE 37:4-5
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova. Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.
Compare
Explore UHEZEKILE 37:4-5
2
UHEZEKILE 37:6
Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolùsu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; názi ukuba ndinguYehova.
Explore UHEZEKILE 37:6
3
UHEZEKILE 37:3
Wathi ke kum, Nyana womntu, aya kuphila na ke la mathambo? Ndathi, Nkosi Yehova, kwazi wena.
Explore UHEZEKILE 37:3
4
UHEZEKILE 37:1-2
Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo. Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.
Explore UHEZEKILE 37:1-2
5
UHEZEKILE 37:7-8
Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndàkuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo. Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulùsu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.
Explore UHEZEKILE 37:7-8
Home
Bible
Plans
Videos