1
INTSHUMAYELI 2:26
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
Compare
Explore INTSHUMAYELI 2:26
2
INTSHUMAYELI 2:24-25
Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo. Ngokuba ngubani na ongádlayo, ngubani na ongávayo ubumnandi, engenaye?
Explore INTSHUMAYELI 2:24-25
3
INTSHUMAYELI 2:11
Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzáyo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.
Explore INTSHUMAYELI 2:11
4
INTSHUMAYELI 2:10
Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.
Explore INTSHUMAYELI 2:10
5
INTSHUMAYELI 2:13
Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.
Explore INTSHUMAYELI 2:13
6
INTSHUMAYELI 2:14
Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.
Explore INTSHUMAYELI 2:14
7
INTSHUMAYELI 2:21
Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.
Explore INTSHUMAYELI 2:21
Home
Bible
Plans
Videos