1
IDUTERONOMI 30:19-20
IZIBHALO EZINGCWELE
Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
Compare
Explore IDUTERONOMI 30:19-20
2
IDUTERONOMI 30:16
ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulimé.
Explore IDUTERONOMI 30:16
3
IDUTERONOMI 30:15
Khangela, ndibeké phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi
Explore IDUTERONOMI 30:15
4
IDUTERONOMI 30:14
Ngokuba ilizwi eli lisondele kunene kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho, ukuba ulenze.
Explore IDUTERONOMI 30:14
5
IDUTERONOMI 30:6
Wóyalùsa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.
Explore IDUTERONOMI 30:6
6
IDUTERONOMI 30:9
UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo
Explore IDUTERONOMI 30:9
7
IDUTERONOMI 30:17-18
Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza: ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.
Explore IDUTERONOMI 30:17-18
8
IDUTERONOMI 30:11
Ngokuba lo mthetho ndikuwiselayo namhla awunto ikunqabeleyo, awukude nokuba kude.
Explore IDUTERONOMI 30:11
9
IDUTERONOMI 30:12
Awusezulwini, ukuba uthi, Ngubani na oya kusinyukela ezulwini, asithabathele siwuve, siwenze?
Explore IDUTERONOMI 30:12
10
IDUTERONOMI 30:13
Awuphesheya kolwandle, ukuba uthi, Ngubani na oya kusiwelela ulwandle, asithabathele, siwuve, siwenze?
Explore IDUTERONOMI 30:13
Home
Bible
Plans
Videos