1
EYEZIQALO 3:6
IBHAYIBHILE
Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya.
አወዳድር
{{ጥቅስ}} ያስሱ
2
EYEZIQALO 3:1
Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?”
3
EYEZIQALO 3:15
Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi. Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene. Yona yokucumza intloko; wena woyiluma isithende.”
4
EYEZIQALO 3:16
Waza wathi kuloo mfazi: “Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe, udliwe yinimba xa uzalayo. Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela, lo gama ayinkosi yakho.”
5
EYEZIQALO 3:19
Uya kutya ukubila kwakho ude ubuyele kwakuloo mhlaba wawuthathwe kuwo. Wênziwa ngomhlaba; ke uya kubuya ube ngumhlaba.”
6
EYEZIQALO 3:17
Uthe endodeni uThixo: “Wena uve umkakho, watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo. Ngenxa yento oyenzileyo ke úqalekisiwe ngoku umhlaba. Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho, ukuze umhlaba uvelise ukutya.
7
EYEZIQALO 3:11
Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?”
8
EYEZIQALO 3:24
Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.
9
EYEZIQALO 3:20
UAdam wamthiya igama umkakhe, wathi nguEfa, kuba kaloku luzalwa nguye lonke uluntu.
ቤት
መጽሐፍ ቅዱስ
እቅዶች
ቪዲዮዎች